Iindumiso 34:8-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova.Hayi, uyolo lomfo ozímela ngaye!

9. Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe,Ngokuba abanakuswela abamoyikayo.

10. Iingonyama ezintsha ziyaswela, zilambe;Ke bona abamfunayo uYehova abasweli nanye into elungileyo.

11. Yizani, bonyana, phulaphulani kum;Ndonifundisa ukoyika uYehova.

12. Ngubani na umntu obungxameleyo ubomi,Othanda imihla yokubona okulungileyo?

13. Gcina ulwimi lwakho ebubini,Umlomo wakho ungathethi nkohliso.

14. Suka ebubini, wenze okulungileyo;Funa uxolo, uluphuthume.

15. Amehlo kaYehova akumalungisa,Iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo.

16. Ubuso bukaYehova bujonge abenzi bokubi,Ukuba akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo.

17. Akhala, weva uYehova;Wawahlangula ezimbandezelweni zawo zonke.

18. Ùsondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo,Àbasindise abamoya utyumkileyo.

19. Buninzi ububi obulihlelayo ilungisa,Ke uYehova ulihlangula kubo bonke.

20. Ùyawagcina onke amathambo alo,Akwaphuki nalinye kuwo.

Iindumiso 34