Iindumiso 34:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Menzeni mkhulu kunye nam uYehova,Siliphakamise kunye igama lakhe.

4. Ndamfuna uYehova, wandiphendula;Wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo.

5. Babheka kuye, bakhazimla;Ubuso babo àbaba nazintloni.

6. Usizana lwadanduluka, weva uYehova,Walusindisa ezimbandezelweni zalo zonke.

7. Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo,Sibahlangule.

8. Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova.Hayi, uyolo lomfo ozímela ngaye!

Iindumiso 34