10. UYehova ulitshitshisile icebo leentlanga;Uzaléle iingcinga zezizwe.
11. Icebo likaYehova limi ngonaphakade,Iingcinga zentliziyo yakhe kwizizukulwana ngezizukulwana.
12. Hayi, uyolo lohlanga oluThixo walo unguYehova;Lwabantu abanyulileyo, baba lilifa kuye.
13. Uqondéle esemazulwini uYehova;Uyababona bonke oonyana babantu;