Iindumiso 31:9-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ndíbabale, Yehova, ngokuba ndibandezelekile;Lonakele kukukhathazeka iliso lam, nomphefumlo wam, nesisu sam;

10. Ngokuba buphelile sisingqala ubomi bam,Neminyaka yam kukuncwina;Ayagexa amandla am ngobugwenxa bam,Namathambo am aluphele.

11. Ngenxa yababandezeli bam bonke ndaba sisingcikivo,Ngokukodwa kubamelwane bam; ndaba yinto yokunkwantyisa kwabandaziyo;Abandibonayo ngaphandle baya ndibaleka.

Iindumiso 31