Iindumiso 22:29-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Baya kudla, baqubude, bonke abatyebileyo behlabathi;Baya kuguqa phambi kwakhe bonke abatshona eluthulini,Abangàwugciniyo umphefumlo wabo.

30. Imbewu iya kumkhonza;Kuya kubaliselwa isizukulwana ngayo iNkosi.

31. Baya kuza baxele ubulungisa bayoKubantu abaza kuzalwa, ukuba oko ukwenzile.

Iindumiso 22