Iindumiso 148:11-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ookumkani behlabathi, nezizwe zonke,Abathetheli nabagwebi behlabathi lonke;

12. Umlisela kwanomthinjana,Amadoda amakhulu kunye nabafana:

13. Mabalidumise igama likaYehova,Ngokuba liyingxonde igama lakhe yena yedwa;Indili yakhe ingaphezu komhlaba nezulu.

14. Wabaphakamisela abantu bakhe uphondo,Lwayindumiso kwabakhe benceba bonke,Koonyana bakaSirayeli, abantu abasondeleyo kuye.Haleluya!

Iindumiso 148