Iindumiso 135:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ulonyusa amafu eziphelweni zehlabathi,Imvula wayenzela imibane;Ulorhola umoya koovimba bakhe.

8. Owawabulalayo amazibulo aseYiputa,Ethabathele ebantwini wesa ezinkomeni;

9. Wathumela imiqondiso nezimangaPhakathi kwakho, Yiputa,KuFaro nakubakhonzi bakhe bonke;

10. Owabulala iintlanga ezinkulu,Wabulala ookumkani abanamandla;

11. OoSihon, ukumkani wama-Amori,No-Ogi, ukumkani waseBhashan,Nezikumkani zonke zakwaKanan;

12. Walinikela ilizwe labo lalilifa,Lalilifa kumaSirayeli, abantu bakhe,

Iindumiso 135