Iindumiso 119:116-120 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

116. Ndízimase ngokwelizwi lakho, ndiphile,Ungandidanisi ekulindeni kwam.

117. Ndíxhase ndisinde,Ndihlale ndibheke emimiselweni yakho.

118. Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho,Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki.

119. Wena ususa bonke abangendawo behlabathi njengentlenga,Ngoko ndiyazithanda izingqiniso zakho.

120. Inyama yam isuka ihambe kukunkwantyiswa nguwe,Ndizoyike izigwebo zakho.

Iindumiso 119