Iindumiso 119:102-109 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

102. Andisuki emasikweni akho,Ngokuba ùndiyalile wena.

103. Hayi, ukuba mnandi kwentetho yakho ekhuhlangubeni lam!Igqithe nobusi emlonyeni wam.

104. Ngeziyalezo zakho ndinokuqonda,Ngenxa yoko ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki.

105. Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho,Likukukhanya emendweni wam.

106. Ndikufungele, ndikumisile,Ukuzigcina izigwebo zobulungisa bakho.

107. Ndide ndacinezeleka kakhulu;Yehova, ndíphilise ngokwelizwi lakho.

108. Ngamana wakholeka kuwe, Yehova, umbingelelo wesisa womlomo wam;Ndífundise amasiko akho.

109. Umphefumlo wam uhlala usesandleni sam,Ndingàwulibali umyalelo wakho.

Iindumiso 119