Iindumiso 118:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bulelani kuYehova, ngokuba elungile,Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

2. Makathi uSirayeli,Ingunaphakade inceba yakhe.

3. Mayithi indlu ka-Aron,Ingunaphakade inceba yakhe.

4. Mabathi abamoyikayo uYehova,Ingunaphakade inceba yakhe.

5. Ndabiza uYehova ndisengxingongweni;Wandiphendula uYehova, wandibeka endaweni ebanzi.

6. UYehova ungakum, andoyiki;Angándenza ntoni na umntu?

Iindumiso 118