Iindumiso 116:14-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ewe, ndozizalisa izibhambathiso zam kuYehova,Phambi kwabantu bakhe bonke kalokunje.

15. Kunqabile emehlweni kaYehovaUkufa kwakbakhe benceba.

16. Okunene, Yehova, ndingumkhonzi wakho,Ndingumkhonzi wakho, unyana womkhonzazana wakho;Ùzicombulule iimbophelelo zam.

17. Ndiya kubingelela kuwe umbingelelo wombulelo,Ndinqule igama likaYehova.

18. Ewe, ndiya kuzizalisa izibhambathiso zam kuYehova,Phambi kwabantu bakhe bonke,

Iindumiso 116