1. Izimasekile intliziyo yam, Thixo,Ndiya kuvuma, ndibethe uhadi,Kwanozuko lwam.
2. Vukani, mrhubhe nohadi;Ndiya kusiphangela isifingo.
3. Ndiya kubulela kuwe phakathi kwezizwe, Yehova,Ndikubethele uhadi phakathi kwezizwe.
4. Ngokuba inkulu ngaphezu kwezulu inceba yakho,Yada yesa esibhakabhakeni inyaniso yakho.