Iindumiso 105:21-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Wamenza inkosi yendlu yakhe,Umlawuli wemfuyo yakhe yonke,

22. Ukuba abakhonkxe abathetheli bakhe ngokuzithandela kwakhe,Amadoda akhe amakhulu awafùndise ubulumko.

23. Waza uSirayeli waya eYiputa,UYakobi waphambukela ezweni lakwaHam.

24. Wabaqhamisa kakhulu abantu bakhe,Wabomeleza ngaphezu kwababandezeli babo.

Iindumiso 105