Iindumiso 104:5-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wáliseka ihlabathi phezu kwemimiso yalo,Ukuba lingashukunyiswa naphakade kanaphakade.

6. Wáligubungela ngamanzi anzongonzongo njengesambatho,Ema amanzi phezu kweentaba.

7. Ekukhalimeni kwakho asaba,Ezwini lendudumo yakho abaleka buphuthuphuthu;

8. Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo,Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.

9. Wàmisa umda ukuba angegqithi,Angabuye awugubungele umhlaba.

Iindumiso 104