Iindumiso 104:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ulohlanganisa emanzini imiqadi yamagumbi akhe aphezulu;Ulowenza amafu inqwelo yakhe,Ulohamba ngamaphiko omoya;

4. Ulowenza izithunywa zakhe imimoya,Abalungiseleli bakhe umlilo olenyayo.

5. Wáliseka ihlabathi phezu kwemimiso yalo,Ukuba lingashukunyiswa naphakade kanaphakade.

6. Wáligubungela ngamanzi anzongonzongo njengesambatho,Ema amanzi phezu kweentaba.

7. Ekukhalimeni kwakho asaba,Ezwini lendudumo yakho abaleka buphuthuphuthu;

8. Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo,Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.

9. Wàmisa umda ukuba angegqithi,Angabuye awugubungele umhlaba.

Iindumiso 104