6. Úthi entliziyweni yakhe, Andisayi kushukunyiswa;Izizukulwana ngezizukulwana, ndingongayi kuba sebubini.
7. Umlomo wakhe uzele kukushwabula nokukhohlisa nokuxinezela.Ngaphantsi kolwimi lwakhe bububi nobutshinga.
8. Uhlala emilaleleni yeengqili,Agwinte omsulwa entsithelweni;Amehlo akhe azonda oludwayi.
9. Úlalela entsithelweni njengengonyama eludadeni wayo;Ulalela ukuba axwile emke nosizana;Uxwila emke nolusizana, elutsala ngomnatha wakhe.
10. Uyabuthuma, uyabunguzela,Bawele ezinzitsheni zakhe abaziindwayi.
11. Úthi entliziyweni yakhe, UThixo ulibele,Ubusithelisile ubuso bakhe, akabonanga nento.