Igenesis 9:19-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Aba bathathu ngoonyana bakaNowa; balizaza ihlabathi lonke.

20. UNowa wathi, engumlimi womhlaba, waqala watyala isidiliya.

21. Wasela iwayini, wanxila, wazihluba phakathi kwentente yakhe.

22. UHam, uyise kaKanan, wabubona ubuzé bukayise, waxelela abakhuluwa bakhe bobabini ngaphandle.

23. UShem noYafete bathabatha ingubo, bayibeka emagxeni abo bobabini, baya ngomva, babugubungela ubuzé bukayise.

24. Wavuka uNowa ewayinini yakhe, wakwazi akwenzileyo unyana wakhe omnci kuye.

Igenesis 9