Igenesis 9:17-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wathi uThixo kuNowa, Nguwo lowo umqondiso womnqophiso endiwumisileyo phakathi kwam nayo yonke inyama esehlabathini.

18. Ke kaloku oonyana bakaNowa, ábaphuma emkhombeni, babengooShem, noHam, noYafete; uHam ke nguyise kaKanan.

19. Aba bathathu ngoonyana bakaNowa; balizaza ihlabathi lonke.

20. UNowa wathi, engumlimi womhlaba, waqala watyala isidiliya.

21. Wasela iwayini, wanxila, wazihluba phakathi kwentente yakhe.

Igenesis 9