Igenesis 6:20-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. kwiintaka ngohlobo lwazo, kwiinkomo ngohlobo lwazo, kuzo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo, zibe ngambini kuzo zonke, eziya kungena kuwe, ukuba zisindiswe.

21. Wena ke, uthabathele kuwe ekudleni konke okudliwayo, uhlanganisele kuwe kube kukudla kuwe nakuzo.

22. Wenza uNowa konke uThixo abemwisele umthetho ngako, wenza njengoko.

Igenesis 6