Igenesis 5:27-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Iyonke imihla kaMethusela yaba yiminyaka emakhulu asithoba, anamanci mathandathu anesithoba; wafa ke.

28. ULameki wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anamibini; wazala unyana.

29. Wamthiya igama elinguNowa,* esithi, Lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu, nasekubulalekeni kwezandla zethu, ngenxa yomhlaba awawuqalekisayo uYehova.

Igenesis 5