9. Wasibeka umkhonzi isandla sakhe ngaphantsi kwethangá lika-Abraham inkosi yakhe, wamfungela loo nto.
10. Umkhonzi wathabatha iinkamela ezilishumi kwiinkamela zenkosi yakhe, wemka enezinto zonke ezilungileyo zenkosi yakhe esandleni sakhe, wesuka waya kwa-Aram,* phakathi kweMilambo,* emzini kaNahore.
11. Waziguqisa iinkamela ngaphandle komzi, ngasequleni lamanzi, ngexa langokuhlwa, ngexa lokuphuma kwabakhi bamanzi.
12. Wathi, Yehova, Thixo wenkosi yam uAbraham, mawundithamsanqele namhla, uyenzele inkosi yam uAbraham inceba.