Igenesis 17:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo.

2. Ndiya kuwubeka umnqophiso wam phakathi kwam nawe, ndikwandise kakhulu kunene.

3. Wawa uAbram ngobuso bakhe.

Igenesis 17