Igenesis 15:4-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Nâlo ilizwi likaYehova lifika kuye, lisithi, Akayi kuba yindlamafa yakho lo; ngoya kuphuma ezibilini zakho, yena oya kuba yindlamafa yakho.

5. Wamsa phandle, wathi, Khawubheke phezulu ezulwini, uzibale iinkwenkwezi, ukuba unokuzibala; wathi kuye, Iya kuba njalo ke imbewu yakho.

6. Wakholwa kuYehova; oko wakubalela ebulungiseni kuye.

Igenesis 15