Igenesis 12:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uYehova wathi kuAbram, Hamba, umke ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho, nasendiwini kayihlo, uye ezweni endokubonisa lona;

2. ndikwènze uhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho, ube yintsikelelo;

3. ndibasikèlele abakusikelelayo, ndimtshabhise okuqalekisayo; zisikeleleke ngawe zonke izizwe zehlabathi.

4. Wahamba uAbram njengoko wathethayo uYehova kuye; wahamba naye uLote. UAbram ubeminyaka imashumi asixhenxe anamihlanu ezelwe, ukuphuma kwakhe kwelakwaHaran.

Igenesis 12