4. Andinaluvuyo lungaphezu kolu, lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.
5. Ntanda, wenza okuthembekileyo, oko sukuba ukwenzela abazalwana nabasemzini,
6. abalungqineleyo uthando lwakho phambi kwebandla; owothi ukuba ubaxhobisele indlela ngokufanele uThixo, ube uyatyapha;
7. kuba báphuma ngenxa yegama lakhe, bengathabathanga nto kuzo iintlanga.
8. Thina ngoko sifanele ukubaxhasa abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisana nabo kuyo inyaniso.
9. Ndalibhalela ibandla; ke usuke lowo uthanda ukuzenza mkhulu kubo, uDiyotrefe, angasamkeli.
10. Ngenxa yoko, ukuba ndithe ndafika, ndomkhumbuza imisebenzi yakhe ayenzayo, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo; enganeli koko, usuka angabamkeli abazalwana ngokwakhe, ábàlele abanga bangenjenjalo, ábakhuphe ebandleni.
11. Ntanda, musa ukulandela okubi, landela okulungileyo. Lowo wenza okulungileyo ungokaThixo; ke lowo wenza okubi akambonanga uThixo.