2 Usamuweli 8:6-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. UDavide wamisa ikampu kwa-Aram eDamasko; ama-Aram aba ngabakhonzi bakaDavide, azisa iminikelo. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.

7. Wawathabatha uDavide amakhaka egolide abekubakhonzi bakaHadadezere, wawazisa eYerusalem.

8. NaseBheta naseBherotayi, imizi kaHadadezere, uDavide ukumkani wathabatha ubhedu oluninzi kunene.

9. Weva uToyi ukumkani waseHamati, ukuba uDavide uyixabele yonke impi kaHadadezere.

10. UToyi wamthuma uYoram, unyana wakhe, kukumkani uDavide, ukuba ambuze ukuphila kwakhe, amsikelele ngenxa yokuba ebelwile noHadadezere wamxabela; ngokuba uToyi ubengumfo obesilwa noHadadezere; waye uYoram lowo eneempahla zesilivere, neempahla zegolide, neempahla zobhedu esandleni sakhe.

11. Ukumkani uDavide wazingcwalisela kuYehova kananjalo ezo, kunye nesilivere negolide abeyingcwalisile, eyavela ezintlangeni zonke awazeyisayo:

2 Usamuweli 8