16. Ke uYowabhi, unyana kaTseruya, wayephethe umkhosi; noYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, wayengumkhumbuzi wezinto zakomkhulu.
17. UTsadoki unyana ka-Ahitubhi, noAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, baye bengababingeleli; uSeraya waye engumbhali;
18. uBhenaya, unyana kaYehoyada, ubephethe abancinithi nezigidimi. Oonyana bakaDavide babengababingeleli.