19. Wabuza uDavide kuYehova, wathi, Ndinyùke na, ndiye kumaFilisti? Wòwanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuDavide, Nyuka; ngokuba ndiwanikele mpela amaFilisti esandleni sakho.
20. UDavide weza eBhahali-peratsim; uDavide wawaxabela khona, wathi, UYehova uzityhobozele iintshaba zam phambi kwam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim.*
21. Azishiya izithixo zawo; bazithabatha uDavide namadoda akhe.