2 Usamuweli 3:16-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Yahamba naye ke indoda yakhe, imana ilila emva kwakhe, kwada kwezisa eBhahurim. Wathi uAbhinere kuyo, Hamba ubuye. Yabuya.

17. Ke kaloku uAbhinere wayenelizwi kumadoda amakhulu akwaSirayeli, elithi, Kwangaphambili nibe nimfuna uDavide, ukuba abe ngukumkani kuni:

18. yenzani kaloku, ngokuba uYehova utshilo kuDavide, ukuthi, Ndiya kubasindisa ngesandla sikaDavide, umkhonzi wam, abantu bam amaSirayeli esandleni samaFilisti, nasesandleni seentshaba zabo zonke.

19. Kananjalo uAbhinere ebethethile ezindlebeni zamaBhenjamin; kanjalo uAbhinere waya kuthetha ezindlebeni zikaDavide eHebron konke okulungileyo phambi kwamaSirayeli, naphambi kwendlu yonke yakwaBhenjamin.

2 Usamuweli 3