2 Usamuweli 24:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Laqina ilizwi lokumkani kuYowabhi nakubathetheli-mpi. Waphuma ke uYowabhi nabathetheli-mpi phambi kokumkani, baya kubabala abantu bakwaSirayeli.

5. Bawela eYordan, bamisa eArohere, ngasekunene komzi ophakathi kwesihlambo sakwaGadi naseYazere;

6. baya eGiliyadi nasezweni laseTatim-hodeshe, baya nakwaDan-yahan, bajikelezela kowakwaTsidon;

7. baya nasenqabeni yaseTire, nasemizini yonke yamaHivi neyamaKanan; baya baphuma kwelisezantsi lakwaYuda eBher-shebha.

8. Balityhutyha ke lonke ilizwe, beza eYerusalem ekupheleni kweenyanga ezisithoba ezineentsuku ezimashumi mabini.

2 Usamuweli 24