16. Saza isithunywa sesa isandla saso kwiYerusalem, ukuba siyitshabalalise; wazohlwaya uYehova ngenxa yobubi obo, wathi kwisithunywa eso sìtshabalalisa abantu, Kwanele; sithobe kaloku isandla sakho.Ke kaloku isithunywa sikaYehova besisesandéni sika-Aravena umYebhusi.
17. Wathetha uDavide kuYehova akusibona isithunywa eso sibetha ebantwini, wathi, Ùyabona, ndonile mna, ndenzé ngobugwenxa mna; umhlambi lo wona wenzé ntoni na? Isandla sakho masibe phezu kwam nendlu kabawo.
18. Waya ke uGadi kuDavide ngaloo mini, wathi kuye, Nyuka, uye ummisele uYehova isibingelelo esandéni sika-Aravena umYebhusi.
19. Wenyuka uDavide ngokwelizwi likaGadi, njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako.