9. Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe,Wadla umlilo uphuma emlonyeni wakhe,Avutha amalahle, ephuma kuwo.
10. Wawathoba amazulu, wehla,Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.
11. Wakhwela ekerubhini,* waphaphazela,Wabonakala esemaphikweni omoya.
12. Wamisa ubumnyama ngeenxa zonke kuye, bayiminquba,Intlanganisela yamanzi, neengqimba zamafu.
13. Ekuqaqambeni okuphambi kwakheKwavutha amalahle omlilo.
14. Wadudumisa emazulwini uYehova,Oseyangweni walikhupha izwi lakhe.