2 Usamuweli 17:2-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. ndimfikele ediniwe, ewé izandla, ndimothuse; basabe bonke abantu anabo;

3. ndibulale ukumkani yedwa; ndibabuyisele kuwe bonke abantu; indoda leyo ufuna yona injengokungathi babuye bonke; boxola bonke abantu.

4. Lalunga elo zwi emehlweni ka-Abhisalom, nasemehlweni amadoda amakhulu onke akwaSirayeli.

5. Wathi uAbhisalom, Khawubize noHushayi waseArki, sive into esemlonyeni wakhe naye.

2 Usamuweli 17