2 Usamuweli 15:30-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. UDavide wenyuka eqhineni leminquma, enyuka elila, egqubuthele intloko, ehamba engenazimbadada ezinyaweni zakhe; bonke abantu abenabo begqubuthele elowo intloko yakhe; benyuka, benyuka belila.

31. Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, UAhitofele ukubacebisi baka-Abhisalom. Wathi uDavide, Yehova, khawulitshitshise icebo lika-Ahitofele.

32. Kwathi, akuya kufika uDavide encotsheni, apho bekusakuqutyudwa khona kuThixo, nanko uHushayi umArki emkhawulela, ekrazule ingubo yakhe, enomhlaba entloko.

33. UDavide wathi kuye, Ukuba uthe wagqithela nam, woba ngumthwalo kum;

34. ke ukuba uthe wabuyela kuwo umzi, wathi kuAbhisalom, Ndoba ngumkhonzi wakho, kumkani; ndibe ndifudula ndingumkhonzi kayihlo, ngoko ndingumkhonzi wakho: wònditshitshisela ke icebo lika-Ahitofele.

2 Usamuweli 15