2 Usamuweli 15:28-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Yabonani, ndozilazila emazibukweni entlango, kude kufike ilizwi elivela kuni lokundixelela.

29. UTsadoki noAbhiyatare bayibuyisela ityeya kaThixo eYerusalem, bahlala khona.

30. UDavide wenyuka eqhineni leminquma, enyuka elila, egqubuthele intloko, ehamba engenazimbadada ezinyaweni zakhe; bonke abantu abenabo begqubuthele elowo intloko yakhe; benyuka, benyuka belila.

31. Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, UAhitofele ukubacebisi baka-Abhisalom. Wathi uDavide, Yehova, khawulitshitshise icebo lika-Ahitofele.

32. Kwathi, akuya kufika uDavide encotsheni, apho bekusakuqutyudwa khona kuThixo, nanko uHushayi umArki emkhawulela, ekrazule ingubo yakhe, enomhlaba entloko.

2 Usamuweli 15