2 Usamuweli 15:26-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Ukuba úthe, Andikunanzile; nanku ndikho, makenze kum ngoko kulungileyo emehlweni akhe.

27. Wathi ukumkani kuTsadoki umbingeleli, Wena mboni, buyela kuwo umzi unoxolo, noAhimahatse unyana wakho, noYonatan unyana ka-Abhiyatare, oonyana benu bobabini kunye nawe.

28. Yabonani, ndozilazila emazibukweni entlango, kude kufike ilizwi elivela kuni lokundixelela.

2 Usamuweli 15