2 Usamuweli 10:1-2 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi emveni kokuba njalo, wafa ukumkani woonyana baka-Amon; wangukumkani uHanun, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.

2. Wathi ke uDavide, Mandimenzele inceba uHanun, unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzelayo inceba. Wathumela uDavide ngesandla sabakhonzi bakhe ukumkhuza ngaye uyise. Beza ke abakhonzi bakaDavide ezweni loonyana baka-Amon.

2 Usamuweli 10