2 Kutimoti 1:5-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. ndíkhunjuzwa nje ukholo olukuwe olungenakuhanahanisa, lona lwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi, nakunyoko uYunike, endinyanisileyo ke ukuthi luhleli nakuwe.

6. Endithi ngenxa yelo thuba ndikukhumbuze, ukuba usikhwezele isipho sokubabalwa kwakho nguThixo, esikhoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam phezu kwakho.

7. Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima.

2 Kutimoti 1