8. Wathi uYehova kuDavide ubawo, Ngenxa enokuba kwakukho entliziyweni yakho ukuthi ulakhele indlu igama lam, walungisa ngokuthi kubekho entliziyweni yakho oko;
9. noko ke indlu yona ayisayi kwakhiwa nguwe. Unyana wakho ophuma esinqeni sakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.
10. Ulimisile ke uYehova ilizwi lakhe awalithethayo; ndivelile esikhundleni sikaDavide ubawo, ndahlala etroneni yakwaSirayeli, njengoko wakuthethayo uYehova; ndalakhela indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli;
11. ndayibeka khona ityeya, apho ukhona umnqophiso kaYehova, awawenzayo noonyana bakaSirayeli.