1. Wenza isibingelelo sobhedu: baziikubhite* ezimashumi mabini ubude baso, baziikubhite ezimashumi mabini ububanzi baso, kwaziikubhite ezilishumi ukuphakama kwaso.
2. Wenza ulwandle olutyhidiweyo: lwaziikubhite ezilishumi ukusuka kolunye udini, uye kolunye udini lwalo; lwayinqila ngeenxa zonke, lwaziikubhite ezintlanu ukuphakama kwalo; waziikubhite ezimashumi mathathu umtya ojikeleyo kulo ngeenxa zonke.
3. Yangumfuziselo wamathangazana ngaphantsi kodini ngeenxa zonke, alujikeleza ngeenxa zonke: alishumi ekubhitini, aluzunguleza ulwandle, yamibini imikrozo yamathangazana, ityhidiwe ekutyhidweni kwalo.
4. Ulwandle lwema phezu kweenkomo ezilishumi elinambini: ezintathu zibheke entla, ezintathu zibheke entshonalanga, ezintathu zibheke ezantsi, ezintathu zibheke empumalanga; ulwandle lubekwe phezu kwazo ngaphezulu, imiva yazo yonke isinge phakathi.
5. Ubungqingqwa balo bebungangobubanzi besandla; udini lwalo belwenziwe lwanjengodini lwendebe, lwaneentyantyambo zeenyibiba; lwaye lungena iibhate* ezimawaka mathathu.