2 Izikronike 24:7-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. (Ngokuba uAtaliya, laa mfazi ungendawo, noonyana bakhe, babeyigqobhozile indlu kaThixo; kananjalo zonke izinto ezingcwele zendlu kaYehova babezenze ezooBhahali.*)

8. Wathi ukumkani, mabenze umkhombe, bawubeke esangweni lendlu kaYehova ngaphandle.

9. Bathumela ilizwi kwaYuda naseYerusalem, ukuba kuziswe kuYehova irhafu eyamiswa nguMoses umkhonzi kaThixo, phezu kwamaSirayeli entlango.

10. Bavuya bonke abathetheli, nabantu bonke; bayizisa, bayiphosa emkhombeni wada wazala.

2 Izikronike 24