2 Izikronike 23:3-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Lesuka lonke ibandla lenza umnqophiso nokumkani endlwini kaThixo. Wathi kubo uYehoyada, Yabonani, unyana wokumkani makabe ngukumkani, njengoko wakuthethayo uYehova ngonyana bakaDavide.

4. Yiyo le into eniya kuyenza; esinye isahlulo sesithathu kuni bangenayo ngesabatha, kubabingeleli nakubaLevi, sóba ngabagcini bamasango;

5. esinye isahlulo sesithathu sóba sendlwini yokumkani; esinye isahlulo sesithathu sóba seSangweni lesiSeko; abantu bonke boba sezintendelezweni zendlu kaYehova.

6. Ize kungangeni bani endlwini kaYehova, ngaphandle kwababingeleli nabalungiseleli bakubaLevi; bona baya kungena ngokuba bangcwele; bonke abantu bazigcine izigxina zikaYehova.

7. AbaLevi bomngqonga ukumkani ngeenxa zonke, elowo ephethe iintonga zakhe ngesandla; ongowumbi ongénayo endlwini makabulawe; babe nokumkani ekungeneni kwakhe nasekuphumeni kwakhe.

2 Izikronike 23