1 Usamuweli 7:9-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. USamuweli wathabatha itakane elanyayo, walinyusa lalidini elinyukayo lonke liphela kuYehova. Wakhala uSamuweli kuYehova ngenxa yamaSirayeli; uYehova wamphendula.

10. Kwathi, xa uSamuweli alinyusayo idini elinyukayo, amaFilisti asondela, esiza kulwa namaSirayeli. UYehova wadudumisa ngezwi elikhulu loo mini kumaFilisti, wawaqungaqunga; abulawa phambi kwamaSirayeli.

11. Aphuma amadoda akwaSirayeli eMizpa, awasukela amaFilisti, awabulala, esa phantsi kweBhetekare.

12. USamuweli wathabatha ilitye, walimisa phakathi kweMizpa neShen, wathi igama lalo yiEbhenezere;* wathi, Kude kwaba lapha uYehova esinceda.

1 Usamuweli 7