1 Usamuweli 3:9-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wathi uEli kuSamuweli, Hamba uye kulala; kothi, ukuba úthe wakubiza, uthi, Thetha, Yehova, ngokuba esiva umkhonzi wakho. Waya uSamuweli, walala endaweni yakhe.

10. Weza uYehova, wema, wabiza njengezinye izihlandlo, wathi, Samuweli, Samuweli. Wathi uSamuweli, Thetha, ngokuba esiva umkhonzi wakho.

11. Wathi uYehova kuSamuweli, Uyabona, ndènza into kwaSirayeli eya kubetha zithi nzwi iindlebe zombini zabantu bonke abaya kuyiva.

12. Ngaloo mini ndiya kumvelisela uEli yonke into endiyithethileyo ngokusingisele kwindlu yakhe; ndiqalile, ndiya kugqiba.

1 Usamuweli 3