1 Usamuweli 12:21-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Ize ningatyeki; ngokuba ningába nilandela izinto ezililizé, ezingenakunyusa, ezingenakuhlangula, ngokuba zililizé.

22. Kuba uYehova akayi kubashiya abantu bakhe, ngenxa yegama lakhe elikhulu; ngokuba kwakholeka kuYehova ukunenza abantu bakhe.

23. Kananjalo makube lee kum ukuthi ndone kuYehova ngokuyeka ukunithandazela; ndoniyalela indlela elungileyo ethe tye.

24. Kodwa moyikeni uYehova, nimkhonze ngenyaniso, ngentliziyo yenu yonke; ngokuba kuboneni okukhulu anenzele khona.

25. Ke ukuba niphikele ukwenza, nithe nenza okubi, nocinywa, nina kwanokumkani wenu.

1 Usamuweli 12