1 Izikronike 6:53-60 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

53. nguTsadoki unyana wakhe, nguAhimahatse unyana wakhe.

54. Ngawo la amakhaya abo ngokweengqili zabo, emideni yabo, ezoonyana baka-Aron, ngokwemizalwane kaKehati;

55. ngokuba laba lelabo iqashiso: babanika owaseHebron ezweni lakwaYuda, na madlelo awo ngeenxa zonke;

56. ke wona amasimi omzi lowo nemizana yawo bawanika uKalebhi, unyana kaYefune.

57. Babanika oonyana baka-Aron imizi yokusabela: owaseHebron, neLibhena namadlelo ayo, neYatire, ne-Eshtemowa namadlelo ayo,

58. neHilen namadlelo ayo, neDebhire namadlelo ayo,

59. neAshan namadlelo ayo, neBhete-shemeshe namadlelo ayo.

60. Esizweni sakwaBhenjamin: iGebha namadlelo ayo, neAlemete namadlelo ayo, neAnatoti namadlelo ayo. Yonke imizi yabo ngokwemizalwane yabo yabe iyimizi elishumi elinamithathu.

1 Izikronike 6