1 Izikronike 26:21-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Oonyana bakaLadan, bengoonyana bamaGershon alunge kuLadan, iintloko zezindlu zooyise zakwaLadan umGershon: nguYehiyeli.

22. Koonyana bakaYehiyeli, nguZetam noYoweli umninawa wakhe abaphethe ubuncwane bendlu kaYehova.

23. Kuma-Amram, kumaItsare, kumaHebron, kumaUziyeli:

24. uShebhuweli, unyana kaGershom unyana kaMoses, ebeyingĂ nga yobuncwane.

25. Abazalwana bakhe bakwaEliyezere nguRehabhiya unyana wakhe, noYeshaya, unyana wakhe, noYoram unyana wakhe, noZikri unyana wakhe, noShelomoti unyana wakhe.

26. Lo Shelomoti nabazalwana bakhe baphathiswa bonke ubuncwane bezinto ezingcwele, abezingcwalisile uDavide ukumkani, neentloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nabathetheli bomkhosi.

1 Izikronike 26