1 Izikronike 23:8-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Oonyana bakaLadan nguYehiyeli omkhulu, noZetam, noYoweli; bathathu.

9. Oonyana bakaShimehi nguShelomiti, noHaziyeli, noHaran; bathathu. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zikaLadan.

10. Oonyana bakaShimehi nguYahati, noZina, noYehushe, noBheriya. Ngabo abo oonyana bakaShimehi; bané.

11. UYahati wayengomkhulu, uZiza engowesibini; ke uYehushe noBheriya bebengenanyana baninzi; ngoko ke baba ludidi olunye, babalelwa kwindlu yoyise.

1 Izikronike 23