1 Izikronike 23:14-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ke uMoses, umfo wakwaThixo, oonyana bakhe babizwa ngokwesizwe sakwaLevi.

15. Oonyana bakaMoses nguGershom noEliyezere.

16. Koonyana bakaGershom nguShebhuweli inkulu.

17. Koonyana bakaEliyezere nguRehabheya inkulu. UEliyezere akabanga nanyana bambi; ke oonyana bakaRehabheya bebebaninzi, bagqithisela.

18. Koonyana bakaItsare nguShelomiti inkulu.

1 Izikronike 23