1 Izikronike 21:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uSathana* wesukela phezulu kumaSirayeli, waxhokonxa uDavide ukuba awabale amaSirayeli.

2. Wathi ke uDavide kuYowabhi nakubathetheli babantu, Khaniye, niwabale amaSirayeli, nithabathela eBhershebha, nide nise kwaDan, nilizise kum, ndilazi inani lawo.

3. Wathi uYowabhi, UYehova makalongezelele inani labantu bakhe izihlandlo ezilikhulu, kunoko bangako; kodwa, nkosi yam, kumkani, àbangabakhonzi benkosi yam bonke, yini na? Iyifunelani na le nto inkosi yam? Yini na ukuba iwazekise ityala amaSirayeli?

4. Laqinisela ilizwi lokumkani kuYowabhi. Waphuma ke uYowabhi, wahambahamba kumaSirayeli onke, weza eYerusalem.

1 Izikronike 21